IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2026)
Log Out
Log In
IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • Namhlanje

NgoLwesithathu, Aprili 15

[Thandanani].—Yoh. 15:12.

Abantu bakaYehova bayakuthanda ukuncedana. (2 Kor. 8:4) Kodwa ngamanye amaxesha kuye kufuneke babe nesibindi ukuze benze loo nto. Ngokomzekelo, xa kukho imfazwe abadala baye baqonde ukuba abazalwana noodade bayakudinga ukukhuthazwa, nokuncedwa ngezinto eziqinisa ukholo okanye ezinye izinto abanokuzidinga. Ngenxa yokuba bezithanda izimvu, abadala baye bazincede nokuba loo nto inokubabeka engozini. Kwiimeko eziyingozi, kubaluleke kakhulu ukuba sihlale simanyene. Yithobele imiyalelo esuka kwiofisi yesebe. (Heb. 13:17) Abadala bamele bahlale beyihlola imiyalelo yokulungiselela intlekele esuka kwintlangano, neyezinto ekufuneka zenziwe xa isenzeka, bahlale bewahlola namalungiselelo asekuhlaleni exesha lentlekele. (1 Kor. 14:33, 40) Yiba nesibindi kodwa ulumke. (IMize. 22:3) Cinga ngaphambi kokuba wenze. Sukuzifaka engozini ngokungeyomfuneko. Thembela ngoYehova. Khumbula ukuba eyona nto uYehova ayifunayo kukuba ukhuseleke, kukhuseleke nabazalwana noodade. w24.07 4 ¶8; 5 ¶11

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2026

NgoLwesine, Aprili 16

Xa ndandisentlungwini, ndathandaza kuYehova, . . . yaye ukukhalela kwam uncedo kwafika ezindlebeni zakhe.—INdu. 18:6.

UDavide wayemazi uYehova futhi ethembele ngaye. Xa iintshaba zakhe ekwakukho noKumkani uSawule kuzo, zazifuna ukumbulala, wathandaza, ecela uYehova ukuba amncede. Xa uThixo wawuphendulayo umthandazo wakhe waza wamsindisa, uDavide wathi: “UYehova uyaphila!” (INdu. 18:46) Xa wayethetha la mazwi, wayengavumi njee ukuba uThixo ukho. Enye incwadi ethetha ngeeNdumiso ithi uDavide wayebonisa indlela amthembe ngayo uYehova ukuba “unguThixo ophilayo, osoloko ebanceda abantu bakhe.” Wayibona kwizinto ezazisenzeka kuye into yokuba uThixo uyaphila, yaza loo nto yamenza wazimisela nakakhulu ukumkhonza nokumdumisa. (INdu. 18:28, 29, 49) Xa siqinisekile ukuba uYehova nguThixo ophilayo siza kutsho simkhonze sizimisele. Loo nto iza kusomeleza ukuze sinyamezele iingxaki esinazo size siqhubeke simsebenzela ngamandla ethu onke. Siza kuzimisela nokuhlala singabahlobo bakaYehova. w24.06 20-21 ¶3-4

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2026

NgoLwesihlanu, Aprili 17

Makungabikho mntu unilahlekisayo nangayiphi na indlela.—2 Tes. 2:3.

Sifunda ntoni kwinto eyathethwa ngumpostile uPawulos kumaKristu aseTesalonika? Kufuneka silumke xa sisiva into eyothusayo okanye engadibaniyo nento esiyifunde eBhayibhileni. Ngexesha leSoviet Union, abantu ababengasifuni basasaza ileta ababefuna kucingwe ukuba isuka kwikomkhulu lehlabathi. Loo leta yayisithi abazalwana mabenze enye intlangano ezimeleyo. Yayibonakala ngathi isuka kwikomkhulu lehlabathi nyhani, kodwa abazalwana abathembekileyo zange baqhatheke. Baye baqonda ukuba le leta yayisithi mabenze into engavumelaniyo nento ababeyifundisiwe. Kule mihla, abantu abangayifuniyo inyaniso bazama ukusenza singamanyani, besebenzisa iteknoloji. Kunokuba sikhawuleze ‘sigungqe kwindlela esicinga ngayo,’ sinokuzikhusela ngokuzibuza ukuba le nto siyivayo okanye siyifundayo iyadibana na neenyaniso esele sizifundile.—2 Tes. 2:2; 1 Yoh. 4:1. w24.07 12 ¶14-15

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2026
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2026 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share