IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2026)
Log Out
Log In
IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • Namhlanje

NgoLwesihlanu, Oktobha 16

Ningavumeli iintliziyo zenu ziye ngasezindleleni zakhe. Ningabhaduleli ngasezindleleni zakhe.—IMize. 7:25.

Into eyenzeka kumfana ekuthethwa ngaye kwiMizekeliso isahluko 7 ibonisa into enokwenzeka kuye nawuphi na umkhonzi kaYehova. Usenokwenza isono esinzulu aze acinge ukuba yonke into yenzeke ngequbuliso. Usenokude athi, “Ndiyibone seyisenzeka.” Kodwa xa ecinga ngento eyenzekileyo, usenokubona ukuba ngaphambi kokuba enze isono esinzulu, uye wenza izigqibo ezingafanelekanga. Mhlawumbi ube nabahlobo abangamthandiyo uYehova, ezinye iindlela ebezonwabisa ngazo, iiwebhsayithi ebengena kuzo okanye iindawo ebesiya kuzo bezingawafanelanga amaKristu. Mhlawumbi uye wayeka ukuthandaza, ukufunda iBhayibhile, ukuya kwiintlanganiso nasentsimini. Njengomfana ekuthethwe ngaye kwiMizekeliso, kusenokwenzeka ukuba isono asenzileyo asiyonto esuke yenzeka “ngoko nangoko.” Yintoni esiyifundayo? Masingalumkeli ukwenza isono nje kuphela, masilumkele nezinto ezinokusenza sone. Yiloo nto kanye awayicacisayo uSolomon emva kokuba esibalisele ngomfana nomfazi owayeziphethe kakubi.—Mat. 5:29, 30. w24.07 16 ¶10-11

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2026

NgoMgqibelo, Oktobha 17

Obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe.—2 Kor. 4:7.

Buyintoni obu butyebi? Ngumsebenzi osindisa ubomi wokushumayela ngoBukumkani. (2 Kor. 4:1) Ziyintoni zona izitya zodongwe? Zimela abakhonzi bakaThixo, abaxelela abantu iindaba ezilungileyo. Ngexesha likaPawulos, abantu abathengisayo babezihambisa ngezitya zodongwe izinto ezixabisekileyo, ezifana nokutya, iwayini nemali. Ngendlela efanayo, uYehova usiphathise umyalezo oxabisekileyo oziindaba ezilungileyo. Uza kusinceda sibe namandla esiwadingayo ukuze singayeki ukushumayela. Ngamanye amaxesha sisenokoyika abantu. Yintoni enokusinceda? Cinga ngomthandazo abawenzayo abapostile xa kwakusithiwa mabangashumayeli. Kunokuba boyike, bacela uYehova ukuba abancede ‘bahlale bethetha ngesibindi.’ UYehova wawuphendula ngokukhawuleza loo mthandazo. (IZe. 4:18, 29, 31) Ukuba kukhe kube nzima kuthi ukushumayela ngenxa yokoyika abantu, masimcele uYehova asincede sibathande kakhulu abantu, ukuze singoyiki ukubaxelela iindaba ezilungileyo. w24.04 16 ¶8-9

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2026

NgeCawa, Oktobha 18

Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.—Mat. 6:9.

Indlela esimthanda ngayo uYehova isenza sifune ukungcwalisa igama lakhe. Sifuna ukuxelela abantu ukuba izinto ezimbi uSathana azithethileyo ngoYehova zibubuxoki. (Gen. 3:1-5; Yobhi 2:4; Yoh. 8:44) Xa sishumayela sifuna ukummela uThixo wethu, sibaxelele inyaniso ngaye bonke abantu abasimamelayo. Sifuna bonke bazi ukuba olona phawu abalasele ngalo luthando, ulawula ngobulungisa, nokuba uBukumkani bakhe sebuza kuziphelisa zonke iintlungu, buze benze bonke abantu bahlalisane ngoxolo futhi bonwabe. (INdu. 37:10, 11, 29; 1 Yoh. 4:8) Xa sixelela abantu ezi zinto ngoYehova, singcwalisa igama lakhe. Sivuyiswa nakukwazi ukuba senza into emele yenziwe ngamaNgqina KaYehova. w24.05 18 ¶12

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2026
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2026 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share